Ndiyakolwa ku-Tixo omnye, u-Yise
u-Somandla, u-Mdali wezulu nomhlaba, Nento zonke
ezibonakalayo nezingabonakaliyo:
Nakuyo i-Nkosi inye u-Yesu Kristu, okupèla kozelweyo u-Nyana
ka-Tixo, Owazalwa ngu-Yise kungekabikò mhlaba, u-Tixo owazalwa
ngu-Tixo, Olu-Kànyiso owazalwa nguye Olu-Kànyiso, u-Tixo wenene
owazalwa ngu-Tixo wenene, Owazalwa, engadalwanga, Emmo nye no-Yise,
Zaye zonke izinto zidalwe ngaye: Owati ngenxa yetu tina bantu,
nangenxa yosindiso lwetu, wehla ezulwini, Wenziwa waba yinyama
ngo-Moya Oyingcwele ngayo i-Ntombi u-Mariya, Wenziwa waba ngumntu:
Waza wabetelelwa emnqamlezweni ngenxa yetu ngo-Pontiyus Pilato, Weva
ubunzima, wancwàtywa. Wati ngomhla wesitatu wabuya wavuka
ngokwezi-Bàlo, Wenyukela ezulwini, Uhleli ngasekunene kuka-Yise;
Wobuya ezo enobuqaqauli agwebe abahleliyo nabafileyo: Obukumkani
bungasayikupèla.
Ndiyakolwa naku-Moya Oyingcwele, oyi-Nkosi, ongu-Mdlisi wobomi,
Opuma ku-Yise naku-Nyana, Onqulwayo edunyiswa kunye no-Yise
no-Nyana, Owateta ngaba-Profite. Ndiyakòlwa yi-Kerike inye,
eyi-Katolika, eyaba-Postile. Ndivuma u-Bàptizo lunye lokuxolelwa
kwezono. Ndikangela nokuvuka kwabafileyo, nobomi belizwe elizayo.
Amen.